esperanto-asocio de suda afriko
  • Hejmpaĝo
  • Esperanto
    • Kaburba Kongreseto >
      • Ekzpozicio 2014-10-25 - Observatory, Kaburbo
    • Novaĵoj >
      • Bona Espero - novaĵletero
    • Lokaj grupoj >
      • Kaburbo
      • Johannesburg kaj Pretoria
    • Pri la Asocio
    • Bona Espero - revuo de la Asocio
  • English
    • Courses
    • Speak To The World
    • Discover an easy language
    • Local Groups >
      • Cape Town Conference 2014
  • Afrikaans
    • Praat Met Die Wêreld
    • Ontdek 'n maklike taal
  • isiZulu
    • Khuluma nomhlaba
    • Zitholele ulimi olulula kakhulu
  • Setswana
    • Bua Le Lefatshe Lotlhe
    • Puo e e motlhofo
  • isiXhosa
    • Thetha uviwe lihlabathi lonke
    • Fumanisa ulwini olulula
  • Vendejo

Thetha uviwe lihlabathi lonke

Ingaba yintoni i-Esperanto?

Lulwimi olukhethekileyo
Ngaphandle kokuba ingelolwimi lwalo naluphi na uhlanga, i-Esperanto ayifani nezinye iilwimi:
  • Kulula ukuyifunda
  • Ekwakheni amagama ifanelekile yaye icuthene, kwizininzi, kubizo-magama, njl.njl.
Kwakhona, iyabonisa, ivakala kamnandi ezindlebeni, yaye iyakhula, ukuze ikwazi ukwanelisa iimfuno zeli hlabathi likhoyo.

Ingaba ivela phi?

Upapasho lokuqala le-Esperanto lwalungo-1887, xa uGqr. uL. Zamenhof wenza isindululo sokuba mayibe lulwimi emaluthethwe ehlabathini. Umbono wakhe wawungowokuba ulwimi lwesibini lomntu wonke luya kuba negalelo elingcono ekuqondeni amaqela eentlanga kunye nezizwe.

Emva kokusasazeka ikakhulu eYurophu ebutsheni benkulungwane yama-20, olu lwimi lukhule kakhulu eTshayina, eBrazili, e-Iran, njl.njl. ngowe-1990, inani labatnu abathetha  olu lwimi mbombo zone zomhlaba liqikelelwa ngaphaya kwezigidi ezi-2 kumazwe angaphaya kwe-100. 

(1) Umthombo: World Almanac and Book of Facts, 1990, New York

Ingaba yintoni i-Esperanto?

Ukudibana nabantuOkokuqala, i-Esperanto yindlela yokunxulumana nabanye abantu:
  • Abantu bamanye amazwe (ngokuthi ube yinxalenye yenkongolo okanyeusebenzise iinkonzo zasimahla ze-free world wide)
  • Ikukrobisa ihlabathi ngeli lixa ukwakho (ungabonelela abakhenkethi ngendawo yokuhlala okanye ukwazi ukubhalelana nabo)
  • .Kunye nabamelwane bakho abathetha ezinye iilwimi

Ukufumanisa inkcubeko kunye neelwimi

I-Esperanto ikwenza:
  • Ufumane uncwadi, umculo, namanye amajelo awohlukahlukeneyo naweenkcubeko ngeenkcubeko abhaliweyo okanye aguqulelweyo 
  • Ulwazi ngcono kwa-olu lwakho ulwimi kunye nezinye iilwimi 

Ukuba namava ovelwano

Picture
UBernard Londoni Runyerera uthi:
I-Esperanto,lulwimi olungakhethi bani, lulwimi lwembeko nomanyano. Abantu abathetha i-Esperanto abasuka kumazwe ngamazwe badla ngokundinceda ngamathubao obunzima.”
Mininzi imizekelo yamaphulo afumana inkxaso-mali kunye nenkxaso engokwasemphefumlweni, ngokomzekelo, iprojekthi yokuphehla amandla elanga yaseTanzaniya, isikolo saseMadagaska, kunye nemibutho enika inkxaso kwiimbacu zaseThekwini.

Udinga Isibonelo?

Picture
Inkwenkwezi ngokwayo ithetha i-Esperanto
(
apha: "Molo, igama lam ndinguNkwenkwezi kwaye ndisaleqa ukuya kunceda umhlobo wam u-Obelix")

Ingaba yintoni eyenzekayo e-Afrika?

Nase-Africa ngokunjalo i-Esperanto yanda okomlilo wedobo, njengoko inemibutho kumazwe alishumi elinesithathu(2), iye yabamba “iiNkongolo zase-Afrika” ezine ukususela ngowe-1990, uninzi lweencwadi ezahlukeneyo zase-Afrika  eziguqulelweyo okanye ezibhaliweyo, kunye namaphulo ophuhluso/enkxaso amaninzi kumazwe ngamazwe.

Njengolwimi olungakhethi bani, nolungelulo olwamathanga, ngokucacileyo i-Esperanto yamkeleka kakhulu kunxibelelwano lweentlanga ngeentlanga kuneelwimi ezisetyenziswayo ngoku ezibizwa ngokuba "zii-lingua franca".

Loo nto ikwathetha ukuba ikwayindlela yokudibanisa i-Afrika nehlabathi xa lilonke ukwenzela ukuba wonke ubani azuze kumanyano lwamazwe ngamazwe.

(2) Algeriya, Benin, Cameroon, DRC, Egipt, Ghana, Ivory Coast, Madagascar, Mzantsi Africa, Tanzaniya, Togo, Tunisia, Zimbabwe 

Isishwankathelo

Uza kufumanisa ukuba i-Esperanto:
  • Lulwimi olunesakhiwo esinomtsalane, olulungeleleneyo nokutyeba;
  • Ayicaluli kangako kunezinye iilwimi zesizwe; 
  • Ikubeka ethubeni elingenakulinganiswa nanto lokutyelela naphi na ehlabathini, ngexabiso eliphantsi kunye nolwaneliseko oluphakamileyo; 
  • Ikunceda ukuba udibane neentlobo ngeentlobo zabantu nokuba ungadanga walishiye ikhaya;
  • Iyakuvumela ukuba unxibelelane nabantu abanembono enye nawe, nokuba baphi na;
  • Ikuvulela amasango omanyano kwihlabathi jikelele; 
  • Ikwenza ufikelele kubutyebi beenkcubeko ngeenkcubeko kwaneencwadi kunye nomculo; 
  • Ikunceda ukuba uluqonde ngcono kwa-olu lwakho ulwimi kwanezinye iilwimi






Proudly powered by Weebly